INGABA UKULUNGELE NA UKUSEBENZA XA UNIKWA INGXELO YETYALA LOKUXHATSHAZWA NGOKWESINI
Uluhlu lwemiba ekufuneka iqwalaselwe yindawo enikezela inkonzo kuluntu
Qiniseka okokuba umntu onesikhalazo ukhuselekile kwaye unemfihlelo. Ngalo lonke ixesha phatha umntu onesikhalazo ngembeko kunye nesidima. Yicacise inkqubo njengoko yenzekile. Khumbula okokuba namadoda anokuhlaselwa ngokungafanelekanga.
Fumana iinckukacha zolwaphulo mthetho ezizizo uze uthathe ingxelo kumntu onesikhalazo, ngokuthi ubhale phantsi amagama owasebenzisileyo ukucacisa isiganeko eso.
Umntu kufuneka akwazi ukufunda ingxelo. Ukuba akanako ukufunda kufuneka umfundele ingxelo. Lungisa iziphene ezikhoyo phambi kokuka enze intsayino.
Qagamshelana namagosa aqeqeshwe ngokukodwa ukusebanza ngoNdlobongela bosapho, Ukhuseleko lwaBantwana kunye namatyala anxulumene nesini ukuba othathele kuwo uphando aze athathe ingxelo ecacisiweyo.
Vula isishwankathelo setyala esizotyiweyo. Nika inombolo yetyala kwaye, apho kufunekayo nika ikopi yengxelo umntu lowo unesikhalazo.
Fumana kwaye utshekitshe kwakhona idilesi yomntu onesikhalazo kunye nedilesi zabanye abantu ekunokuhlanganwa nabo abanje ngosapho okanye izihlobo. Yenza oku kuqapheleke kwidayari yophando.
Cacisa ngemfuneko yoxilongo lonyango uze uthathe umntu lowo unesikhalazo umse kuxilongo lonyango ngokukhawuleza.
Ingxelo iyafumaneka xa :
A. Umntu onesikhalazo uxelele umntu ongomye ngesiganeko eso phambi kokuba asixele kuwe - lo mntu kufuneka enze ingxelo echazayo amagama kanye ncam kwakunye nemeko echukumisayo umntu onesikhalazo ebekuyo.
B. Ungumntu wokuqala oxelelwe ngumntu onesikhalazo - kufuneka ufake ingxelo echukumisayo umntu onesikhalazo abekuyo kwakunye namagama akhe ngqo.
Bhala ingxelo yokubanjwa ukuba ngaba umbambile umtyholwa orhanelekayo kwaye/okanye uthathe ubungqina obubambekayo.
Cacisa kumntu onesikhalazo:
A. Okokuba uza kucelwa ukuba ancede amapolisa ukuchonga umrhanelwa.
B. Okokuba uya kufuneka aye enkundleni kwaye angqine ngokwenzekileyo. Yiba soloko ugqithisela umntu onesikhalazo kwi - NGO ukuba afumane iingcebiso kunye nenkxaso. Sebenzisa uluhlu lokukhangela lwakho kwisitishi se-NGO's ezinika lee nkonzo.
